Akumnandi yintoni ?


Molweni bahlobo ndiyathemba ukuba beniyonwabele  impelaveki. Ndiyayazi abaninzi benu bayazibuza ngoku “inokuba ndenze ntoni” kaloku abantu izimilo azifani kwaye ziyabhenceka ke xa ubani ezitshizile okanye edlule kwinyembezi zikaVikthoriya. Kumnandi kodwa xa kumnandi. Umve urheme esithi “akumnandi yintoni”. Uyabona, kumandi nyani ke apho. Kodwa ke kubakho esi saphuselane sizixelelayo ukuba xa sona sizityele kamnandi siyathanda ukuba masiqwalaseleke. Nazenzo ezo ezibangela ukuba kuphazamiseke ulonwabo lwabantu. Into endiyithandayo kulonwabo lweDarkie yimbeko ebakhona xa abantu befika, ndiphinde ndingayazi ukuba ixhwitshilwe ngubani. Izinto abazenzayo nabazithethayo kubangathi umamele intsomi okanye ungumfana ovunywe ngeleta kuba uyancuma. Ukuzikholelwa nokungazikholelwa kuxhomekeke ekubeni wena uva ntoni.

© Tsepiso Sathie Nzayo- 2011

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out / Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out / Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out / Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out / Change )

Connecting to %s

%d bloggers like this: